Isaiah 19:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sasiya kuba ngumqondiso nenqi̔na likayehova wemikosi elizweni le‐Jipete; ngokuba beya kukala kuyehova ngenxa yabo ababandezeli, waeya kubatumela umsindisi, nomteteleli, abakulule.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni laseYiputa; ngokuba baya kukhala kuYehova ngenxa yabacinezeli, abathumele umsindisi omkhulu, abahlangule.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo zinto ke ziya kuba yimiqondiso yobukho bukaNdikhoyo uSomandla-onke apho eJiputa. Bothi ke abantu bakhona, xa bephantsi kwengcinezelo baze bakhale kuNdikhoyo, yena abathumele umhlanguli nomkhuseli wokubasindisa.