Isaiah 19:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umoya we‐Jipete wopela pakati kwayo, necebo layo ndolitshabalalisa: angafuna ke kumadalo, nakwizanuse, nakubo abenzelana nemishologu, nakumatola;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo;ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umoya weYiputa uya kutshabalala phakathi kwayo; kwaye ndiya kulitshitshisa icebo lakhe, kwaye baya kufuna oothixo, nabakhafuli, nemimoya yabafileyo, nabakhafuli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaJiputa aza kudideka atyhafe; amacebo awo osuka aphunze. Aya kunkinkq' uncedo koothixo abaqingqiweyo; osuka abhenele kwabo bafileyo; obhenela kwabaneshologu nabambululayo.