Isaiah 19:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ababambi bentlanzi baya kugula, bati bonke abaposa iqeṙu emlanjeni balile, nabo bandlala utambo pezu kwobuso bamanzi bacubuke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abalobi baya kulila, nabo bonke abo baphosa amagwegwe emilanjeni baya kubhomboloza, nabo baneka iminatha phezu kwamanzi baya kudandatheka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sovakala isikhalo nencwina yabalobi. Baya kukhala abaphosa umnatha emanzini; amaqhogi abalobi aya kubuya ze.