Isaiah 2:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, zohamba izizwe ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni kayehova, endlwini yotixo ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi likayehova e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye abantu abaninzi baya kuhamba kwaye bathi: Yizani, masinyuke siye entabeni yeNkosi, endlwini yoThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngeendlela zakhe; ngenxa yokuba umthetho nelizwi likaYehova liya kuphuma eZiyon liye eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, abantu abaninzi baya kuza, bathi: “Yizani siye entabeni kaNdikhoyo, endlwini kaThixo kaYakobi. Yena wosifundisa iindlela zakhe, ukuze thina sihambe ngazo.” Kaloku umthetho wophuma eZiyon, liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.