Isaiah 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti ubalahlile abantu bako, indlu ka‐Yakobi, ngokuba bezele kokwasempumalanga; bayenza ngobugqi njengama‐Filistiya, bayabambana izandla nonyana babasemzini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yoko ubanikele umva abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba beze empumalanga, besenza amatola njengamaFilisti, betsaleleke koonyana bezinye iintlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke wena, Thixo wethu, ubalahlile abantu bakho, nditsho indlu kaSirayeli! Kaloku bathene nca nezangoma – ezasempuma nezo zaseFilistiya – bayavumisa batsho ngehlombe bekunye neentlanga.