Isaiah 20:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EMNYAKENI u‐Taratane wafikayo e‐Ashedode, (okuya wabetunyiwe ngu‐Saragone ukumkani we‐Asiriya,) walwa ngakuyo i‐Ashedode, wayibamba;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba), ngelo xesha,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka wokufika kukaTartan eAshdode, wathunywa nguSargon, ukumkani waseAsiriya, ukuba aye kulwa neAshdode, ayithimba;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi waseAsiriya yagunyaziswa nguSargon ukumkani wakhona, yaza yahlasela isixeko samaFilistiya iAshdode, yasithimba.