Isaiah 20:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwa ngeloxesha wateta uyehova ngo‐Yisaya unyana ka‐Amotse, esiti: Hamba, utukulule intlakantlaka esinqeni sako, nezihlangu zako zisuse ezinyaweni zako. Wenje njalo ke, ehamba zé, engenazihlangu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba ze, engenazo neembadada.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha, wathetha uYehova ngoIsaya, unyana ka-Amotsi, wathi, Yiya, ukhulule ingubo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wayenza ke, ehamba ze, enganxibanga nto ezinyaweni zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo xesha *uNdikhoyo wayalela uIsaya unyana ka-Amozi, wathi: “Zikhulule iimpahla ozinxibileyo zokuzila, ndawonye neembadada zakho.” Ngokwenene ke wawuthobela loo myalelo, waza wahamba ze.