Isaiah 20:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova: Njengokuba isicaka sam u‐Yisaya besihamba zé, singenazihlangu, iminyaka yamitatu, singumqondiso nommangaliso pezu kwe‐Jipete napezu kwe‐Tiyopiya;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe ze, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Njengokuba uIsaya, umkhonzi wam, wahamba ze iminyaka emithathu, enganxibanga zihlangu iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nomqondiso phezu kweYiputa nakwaKushi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke uNdikhoyo wathi: “Kakade isicaka sam uIsaya besisoloko sijikeleza sizé, singenazo nambadada, yonke le minyaka mithathu. Lowo ke ngumqondiso wento eya kwehlela iJiputa neKushe.