Isaiah 20:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abemi balomhlaba baya kuti ngomhla lowo: Bona ke, linjalo itemba letu, apo sisabele kona kuncedwe, ukuze sikululwe kukumkani we‐Asiriya: sesiya kuti nina ukusinda ke?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singathini na ke ukusinda thina?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye abemi besi siqithi baya kuthi ngaloo mini: Qaphelani, eli lithemba lethu apho sisabela khona ukuze sibone uncedo lokukhululwa kukumkani waseAsiriya; sosinda njani na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke abemi bommandla wonxweme lwaseFilistiya baya kuthi: ‘Niyayibona ke into eyehlele aba bantu besithembe ukukhuselwa ngabo kukumkani waseAsiriya! Kodwa kodwa siya kusinda njani?’ ”