Isaiah 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba inkosi itshilo kum ukuti: Kwa ungekapeli umnyaka, njengeminyaka yomqashwa, bonke ubungcwalisa bakwa‐Kedare bogqityelwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uthi uYehova kum: “Emva konyaka omnye, ngokweminyaka yomqeshwa, nalo lonke uzuko lwakwaKedare luya kuphela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
INkosi ke ithethe nam yenjenje: “Kwisithuba sonyaka ninyamezele ubukhulu nodumo lweentlanga zamaKedare luya kunqamka.