Isaiah 22:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baya kuxo̔ma pezu kwake bonke ubungcwalisa bendlu kayise, abantwana nabazukulwana; nazo zonke impahla ezincinane, kwa kuzo impahla zezitya kude kube zimpahla zonke zemipanda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kubuxhoma phezu kwakhe bonke ubunzima bendlu kayise, abazukulwana, nabantwana, nempahla emfutshane, kuthabathele ezindebeni, kuse empahleni yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke izizalwane zakhe ziya kuba luxanduva lwakhe. Amawabo aya kumbhubhuzelela, atsho azive esindwa.”