Isaiah 22:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, sosuswa isikonkwane esibetelweyo endaweni eqinileyo; siya kugaulwa, siwe ke; nomtwalo opezu kwaso wona wonqanyulwa: ngokuba uyehova etshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, siya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, siya kususwa isikhonkwane esibethelelwe endaweni etywiniweyo, sigawulwe, siwe; nomthwalo owawukuyo uya kunqunyulwa, ngenxa yokuba uYehova ethethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uNdikhoyo onamandla onke wathi: “Kuya kuthi kwakuba njalo isikhonkwane ebesiqinile sitsho sixenga-xenge side siwe. Eso ke iya kuba sisiphelo sayo yonke into ejinga kuso.” Kaloku uthethile uNdikhoyo.