Isaiah 22:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ndite: Jikani kum; ndokwenza ṙaṙa ukilila kwam, ninganxameli ukunditutuzela, pezu kwokubandezelwa kwentombi yabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, ndathi: Ndoyise! Ndiya kulila ngokukrakra, ndingazikhathazi ngenxa yokuphangwa kwentombi yabantu bakowethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yiyo loo nto ndisuke ndathi: “Bhekelani phaya; mkani kum! Ndiyekeni nditshw' esikrakra ngenxa yabam abahambileyo. Sukani kum; kahleni ngentuthuzelo!”