Isaiah 23:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ute: Akusayi kubuya ugcobe, ntombi ipela ebandezelweyo, ntombi yase‐Tsidone! Suka, wela uye kwa‐Kiti; kwa nakona akuyi kuba nakupumla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi: “Awuyi kuba sabuya uvuye, ntombindini idlwengulweyo, ntombi yaseTsidon! nalapho akuyi kuba nakuphumla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kwiSidon: “Liphelil' ixesha leziyolo, Sidon; ubuntombi bakho bonakele. Ningade nisabele kwelamaKiti, kodwa nalapho akukho buyambo.”