Isaiah 23:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti ngomhla lowo, i‐Tire yolityalwa iminyaka emashumi asixe̔nxe, njengemihla yomnye ukumkani: ekupeleni kweminyaka imashumi asixe̔nxe kwoba kuyo i‐Tire njengengoma kwingnawokazi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye; emva kweminyaka engamashumi asixhenxe, iTire iya kumemelela njengehenyukazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yona iTire ihlalele ukungena kwelokulibala. Yoba sisixhenxe samashumi eminyaka ingasakhunjulwa, xesha elo ke libubomi bokumkani. Emva kwaloo minyaka ke iTire kuya kuculwa ngayo njengehenyukazi, kuthiwe: