Isaiah 23:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba kuya kuti ekupeleni kweminyaka imashumi asixe̔nxe, uyehova woza kubona i‐Tire, eya kubuyela emvuzweni wayo, yenze nombulo nabo bonke ubukumkani belizwe obusebusweni bomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe uYehova uya kuyivelela iTire, ize iguquke ukuze ifumane umvuzo ize ikrexeze nazo zonke izikumkani zehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwaloo minyaka ingamashumi asixhenxe uNdikhoyo iTire woyibuyisela kwaushishino lwayo lwamandulo, uhenyuzo, ize iziqeshise kuzo zonke izikumkani zehlabathi.