Isaiah 23:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa okwentengo yayo nomvuzo wayo kwoba ngcwele kuyehova; akuyi kubekelwa, akuyi kutshixelwa kanjalo; koko intengo yayo yoba yeyabo bahleliyo pambi kwoyehova, eyokutya ngokukolisa, neyezivato ezihle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye umsebenzi wakhe nomvuzo wakhe woba ngcwele kuYehova; ayinakugcinwa okanye igcinwe; ngokuba umcimbi wakhe uya kuba ngowabahleli phambi koYehova, badle ukudla okuninzi, neempahla zokuhomba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mali ke iyizuze kwezorhwebo iya kuyinikela kwezikaNdikhoyo. Ewe, loo mali ayiyi kugcinwa, koko iya kusetyenziswa ngâbo banqula uNdikhoyo, bathenge ukutya nezingayiwayo izinxibo.