Isaiah 25:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
YEHOVA! u ngutixo wam wena; ndokupakamisa; igama lako ndolidumisa; ngokuba ukwenzile okungummangaliso; amacebo ako akudala ayinyaniso ayinene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yehova, unguThixo wam; Ndithanda ukukuphakamisa, ukudumisa igama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo; icebo lakho elidala liyinyaniso kwaye liyinyaniso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Ndikhoyo, wena unguThixo wam; ndosuka ndikuthuthe ndikudumise. Kuthi mandikutyibele ndibongisele ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo; kaloku ngokuthembeka okukhulu wena zonke uzifezekisile – nditsho izicwangciso zakho zamandulo.