Isaiah 25:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso isandla sikayehova siya kupumla pezu kwalentaba; kodwa u‐Mowabi uya kunyatelwa pantsi endaweni yake, njengokuba inca inyatelwa pantsi emanzini emfumba yomgquba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba isandla sikaYehova siya kuhlala kule ntaba, noMowabhi uya kunyathelwa phantsi kwakhe, kanye njengokunyathelwa kwengca phambi kwendawo yokulahla inkunkuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amandla kaNdikhoyo obonakala kule ntaba. AmaMowabhi aya kuxovulwa ngeenyawo oku komgquba ebuhlanti.