Isaiah 25:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ubuyinqaba kolihlwempu, inqaba kosweleyo ebunzimeni bake, indawo yokupepela ngenxa yesipango, umtunzi ngenxa yokufudumala, nxa umoya wabazidlwengu ubunjengesipango ngaseludongeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba waba yinqaba kolusizana, waba yinqaba kofunyenweyo ekubandezelekeni kwakhe, ihlathi esiphangweni, umthunzi womgxobhozo, xa umoya wamagorha usisaqhwithi eludongeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wena uyawakhusela amahlwempu; akubalekela kuwe ayasinda enkathazweni. Wena ungumqolomba kumaqhwa nenkqwithelo, kanti ukwangumthunzi kwingqatsini yelanga. Kaloku izithonga zezikhohlakali zinjengesiphango,