Isaiah 25:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kulentaba uyehova wemikosi uya kwenzela abantu bonke isidlo sezinto ezityebileyo, isidlo seveyine inentlenga zayo, sezinto ezityebileyo zizele ngumongo, seveyine entlenga zayo zihluziweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wemikhosi uya kwenzela zonke iintlanga isidlo esityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini ecocekileyo, esinemongo, newayini engqushiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izizwe zonke zehlabathi *uNdikhoyo uSomandla-onke wozenzela isidlo eZiyon; sidlo eso soba zezona zimuncu-muncu, nditsho eyona inencasa inyama nesiqhoqhololo sewayini.