Isaiah 25:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kugqibela ukutshabalalisa ukufa; inkosi e nguyehova iya kusula inyembezi kubo bonke ubuso, nogxekwa lwabantu bayo yolususa kuwo wonke umhlaba: ngokuba uyehova etshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uya kuginya ukufa ngoloyiso; izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke; yaye uya kusishenxisa isisongelo sabantu bakhe ehlabathini lonke, ngenxa yokuba uYehova ethethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uya kukuphelisa tu ukufa, neenyembezi azisule kubo bonke abalilayo. Nengcikivo nokuhlazeka kwabantu bakhe wokuphelisa jikelele ehlabathini. Kaloku uthethile uNdikhoyo!