Isaiah 25:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kutiwa ngalomhla: Bona ke, ngutixo wetu lo; sikangele kuye, waeya kusisindisa: lo nguyehova; sikangele kuye; siya kugcoba sivuye ngalo usindiso lwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu;besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ngaloo mini kuya kuthiwa: Qaphela, lo nguThixo wethu; sithembele kuye, wosihlangula. NguYehova; sithembele kuye, sogcoba, sivuye ngosindiso lwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba bonke baya kuthi: “Ngenene nguThixo wethu lo! Sakholosa ngaye wasihlangula. NguNdikhoyo lo! Ngenene sikholose ngaye, ngoko ke ngoku masonwabe, ngoku ke masibe nemihlali, kuba yena usihlangule.”