Isaiah 26:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba okohlakeleyo uya kupatwa ngofefe, akayi kufunda ubulungisa noko; ezweni lokulunga uya kwenza ngobumenemene, angagqali ubukulu bukayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa;nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Makabekelwe ongendawo, angafundi bulungisa; ezweni lobulungisa uya kwenza ububi, angabuboni ubukhulu bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali; kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa. Sona siyona nakwilizwe lamalungisa; asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.