Isaiah 26:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abafileyo bako bobuya bapile; abasidumbu sam baya kuvuka; vukani nicule, nina bahleli elutulini! ngokuba u njeng ombete wemifuno umbete wako, waye umhlaba uya kuku̔pa ababubileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abafileyo bakho baya kuphila, nesidumbu sam siya kuvuka; sukani nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba uya kuba ngumbethe wezityalo umbethe wakho, nehlabathi libavuthulule abangasekhoyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo, bona bobuya bavuke; kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi – nditsho bonke abalinde emadlakeni, bothi khwaphululu batsholoze ngemincili. Njengombethe unyephisa umhlaba uNdikhoyo ke uya kwenjenjalo ukubavusa abo basishiya mandulo.