Isaiah 26:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba, bona ke! uyehova epuma endaweni yake, ukuya kuyohlwayela inkohlakalo yabemi bomhlaba pezu kwabo; kanjalo umhlaba uya kutyila igazi lawo, ungabi saselela ababuleweyo bawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba, yabonani, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abavelele abemi behlabathi ngenxa yobubi babo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo yena uyeza; wosuka aphume ekhayeni lakhe, aze kubohlwaya abemi behlabathi, kuba kaloku bona basuke bona. Nomhlaba ngokwawo wosuka uthethe uwaxele amagazi aphalele kuwo; wosuka ubaveze abo babulawayo.