Isaiah 26:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngompefumlo wam ndikukanukile ebusuku; nangomoya wam pakati kwam ndikufunile kusasa; ngokuba, okuya imigwebo yako isemhlabeni, abemi bomhlaba befunda ubulungisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; ewe, ngomoya wam ophakathi kwam, ndiya kukufuna kamsinya, ngokuba ekufikeni kwemigwebo yakho phezu komhlaba, baya kufunda ubulungisa abemi behlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena; kusasa umoya wam uyazula ufuna wena. Xa ulohlwaya ihlabathi abemi balo bafunda ngobulungisa.