Isaiah 27:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa abunileyo amagatya aso, aya kushunqulwa; baya kuza abafazi, babase ngawo: ngokuba bengengabantu bona abanokuqonda; ngako oko lowo obenzileyo akayi kuba nanceba pezu kwabo, nobadalileyo akayi kubapata ngofefe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase;kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba amasebe awo abuna, ophulwa; beza abafazi abo bazitshisa; ngokuba bengabantu abangenangqondo; ngoko ke uMenzi wabo akayi kuba nanceba kubo, noMdali wabo akayi kuba nanceba kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amaseb' emithi oma ade aqhuzuke, bancedakale ke abafazi ngezo nkuni. Kaloku esi sisizwe esingaqondiyo, ngoko ke tu usini kuMdali waso; ewe, uMxonxi akayi kuba naluvelwano.