Isaiah 27:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna Yehova ndiyawulinda; onke amaxanyana ndowunyela: ukuze ungonakaliswa, ndiyawulinda nasemini nasebusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyela ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna, iNkosi, ndiya kunisindisa; ndiya kusinkcenkceshela yonke iminithi; ukuba ndiwugcine imini nobusuku, ukuze kungabikho mntu uwonakalisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mna Ndikhoyo ndingumalusi waso, mna ndisinkcenkceshela rhoqo; nangobhadakazi andilali, ndalusa sona, hleze ubani asonakalise.