Isaiah 27:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Akuko msindo kum: ngubanina noko oya kuzimisa ngakum imbobo n emitolo ekulweni? bendiya kupumela ngakuzo, bendiya kuzitshisa kwa kunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubushushu abukho kum; Bendiya kucanda kuwo, ndiwatshise kunye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku umsindo wam uthothile. Akwaba ebekho ameva, ngendiwatshisa; ewe, bendiya kulwa nawo ngenene.