Isaiah 28:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokokuba ebesiti kubo: Nanku ukupumla; pumzani odiniweyo; nanku nokwonwaba; kodwa bebengavumi ukupulapula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka abavuma ukuva.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
owathi kubo, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abadiniweyo; kwaye olu lusindiso; abavuma ukuva.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngani nina aba kanye wathi: “Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu; le yindawo yokuphumla!” Suka ke nina anamhoya.