Isaiah 28:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ilizwi likayehova lobako kubo, isiyalo ngesiyalo, isiyalo ngesiyalo; ummiso ngommiso, ummiso ngommiso; intwanantwana apa, intwanantwana paya: ukuze bamane besiwa ngomva, bapulwe, batiyelwe, babanjwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ilizwi likaYehova laba ngumthetho kubo, umthetho phezu komthetho; umgca phezu komgca, umgca phezu komgca; intwana apha, intwana phaya; ukuze bahambe bawe umva, baphuke, babanjiswe, babanjiswe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyo wosuka abe yinto nani; uza kunifundisa bonke ubugoci-goci, anithi nca ngabo ubucukubhede. Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana! Ngoko ke nosuka nithi thwanga, noba ngasus' unyawo nikhubeke; nosuka nenzakale ningxwelerheke; norhintyelek' emigibeni nithinjwe.