Isaiah 28:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nisiti: Ucebano silwenzile nokufa, nemvumelano siyenzile nehadesi; isibeto esikukulisayo, nxa sicandayo, asiyi kusifikela, ngokuba simisile ilwimi zibe yindawo yetu yokupepela, nangapantsi kwobuxoki sizifihlile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; ukuba kuthe kwabakho ulwaphulo olukhulu, aluyi kusiwela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku nina niqhayisa ngokuthi: “Thina senze umnqophiso nokufa; sinesivumelwano nalo elabafileyo.” Suka nazikhohlisa ke nisithi: “Nangomhla wesithwakumbe ke thina sothubeleza; thina kaloku siqamela ngokuxoka, inkohliso nobuxoki yinqaba yethu.”