Isaiah 28:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngexesha sisukuba sicanda, sonisusa ke; ngokuba ngokusa ngokusa siya kucanda; ngemini nangobusuku: kwoba yimvuselelo nokuba kuviwa iṙeto laso kodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oku kungenela singenelayo, siya kunisusa; ngokuba imiso ngemiso siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukususela ekundulukeni kwayo, iya kunithabatha; ngokuba ingomso liyadlula, imini nobusuku; kwaye kuya kucaphukisa ukuqonda oko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise; kobe ngasa ibe siso nani. Soba ngunonca imini nobusuku.” Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.