Isaiah 28:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova eya kusuka njengasentabeni ye‐Peratsime, uya kuqumba njengasemhlanjeni we‐Gibeyone; ukuba asenze isenzo sake, isenzo sake abengasazi; nokuba asebenze umsebenzi wake, umsebenzi wake abengawuqeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uya kusuk eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova uya kuma, njengasentabeni yePersim; uya kucaphuka njengasentilini yeGibheyon, ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esibalulekileyo; yaye uyawufeza umsebenzi wakhe, isenzo sakhe esimangalisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba uNdikhoyo uya kulwa njengamhla mnene, nditsho apho kwintaba iPerazim. Koba ngathi kukwintili yaseGibhiyon; woba ufezekisa umsebenzi ongalindelekanga, ephumeza oko kuhlasimlisayo.