Isaiah 28:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ningazilahleli ekugxekeni, zingabi izinxibo zenu ziqiniswe; ngokuba ukugqityelwa, kwa oko kumisiweyo, ndikuvile, kuvela enkosini, kuyehova wemikosi, pezu kwelizwe lonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukuhlekisa ngoku, ukuze zingatywinwa iintambo zenu; kuba ndisivile ngeNkosi enguMongami uYehova wemikhosi ukutshabalala kwehlabathi lonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, khawuthi cwaka, mgxeki, hleze akusinde amakhamandela akho; kuba sivakele kum isandi sentshabalalo, isaziso esimiselwe lonke ilizwe, siphuma kuMhlekazi uNdikhoyo onamandla onke.