Isaiah 29:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umboniso wonke uba njengamazwi encwadi encanyatiselweyo kuni, eka inikwe kowaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Ndikohliwe; ngokuba incanyatiselwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuni umbono weento zonke ube njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuwe, umbono wezinto zonke ufana namazwi encwadi etywiniweyo, athi umntu ayinike umphengululi, esithi: “Yifunde; Wathi yena, Andinako; ngokuba iqinisekisiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intsingiselo yemibono iya kufihlakala kuni, ifane nencwadi ecikiweyo. Niya kuthi nakuyisa kwabo baziyo, nisithi: “Khanisifundele,” bathi: “Asinako, kuba itywiniwe.”