Isaiah 29:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Umhlaumbi incwadi iyanikwa kulowo ongakwaziyo ukuba̔la, kusitwa: Uze uleseshe oku; kanti uti: Andikwazi ukuba̔la.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye incwadi inikwe umntu ongafundanga, kwaye kuthiwa: Yifunde, kwaye athi, Andifundanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nothi ke nakuyinika umntu ongafundanga ukuba anifundele, aphendule athi: “Andikwazi ukufunda.”