Isaiah 29:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai ubugwenxa benu! Kanene umbumbi uya kubalwa njengodongwe na? into eyenziweyo iya kutsho na ngomenzi wayo ukuti: Akandenzanga? nento edaliweyo iya kutsho na ngomdali wayo ukuti: Akanakuqonda?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ewe, ukutshintshisa kwenu kuya kuba njengodongwe lombumbi; kuba umsebenzi walowo uyenzileyo uthi, Akandenzanga na kum? Okanye ngaba icebo lakhe lithi, Akaqondi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iinto zonke bona bayazibhukuqa: kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona? Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”? Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?