Isaiah 29:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko akubona abantwana bake, umsebenzi wezandla zam, pakati kwabo, bolenza ngcwele igama lam; baya kumenza ngcwele oyingcwele ka‐Yakobi, notixo ka‐Sirayeli baya kumoyika.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ekuboneni kwabantwana bakhe, umsebenzi wezandla zam, phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bamoyike uThixo kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akubona inzala endiya kumpha yona, abantwana abangumsebenzi wam, uya kutsho avume athi mna ndinguYedwa kaYakobi. Ngenene, uya kundihlonela, akhahlele kum, mna Thixo kaSirayeli, alidumise igama lam elilodwa.