Isaiah 29:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwoba njengokuya onokulamba apupayo, kekaloku nanku esidla; kodwa akuvuka, umxe̔lo wake uzé: umhlaumbi njengokuya onxaniweyo apupayo, kekaloku nanku esela; kodwa akuvuka, nanku ecubukile, nomxe̔lo wake usakanuka. Soba njalo isihlwele sazo zonke izizwe ezilwayo ngasentabeni ye‐Ziyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone esela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe;iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, akhangele, adle; kodwa uvuka ulambatha umphefumlo wakhe, mhlawumbi njengomntu onxaniweyo aphuphe, akhangele, asele; evuka, nanko ediniwe, nomphefumlo wakhe ulambile; kuya kuba njalo ngengxokolo yeentlanga zonke ezilwa ngokuchasene neNtaba yeZiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kofana nomfo olambileyo ephupha, engathi uyatya, kodw' akuvuk' usalambile; okanye umntu othe khothe lunxano, ophuph' esela, phof' avuke esanxaniwe. Koba njalo ke ukuphoxeka kwemikhosi yezizwe leyo ihlasela intaba yeZiyon.