Isaiah 3:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abantu bam, abantwana bangababandezeli babo, nabafazi bayabapata ngobukosi. Bantu bam! abakapi benu bayanilahlekisa, nendlela yabahambi benu bayayitshabalalisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi.Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke bona abantu bam, ngabacinezeli babo, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abo banilahlekisayo, bawonakalisayo umendo weendlela zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bam baxhatshazwa naziimveku, bade balawulwe nangabafazi. Ewe, lusapho lwam, iinkokheli zenu ziyanintlokothisa; senide nadideka, anayazi nemaniyenze.