Isaiah 3:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Niti nina ukuba nibatyumza abantu bam, nokuba nibusila ubuso bamahlwempu? itsho inkosi, uyehova wemikosi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nithini na xa nibatyumza abantu bam naxa nisila ubuso babaxhwalekileyo? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngani ukuba nibaxushe abantu bam? Ngani ukuba niwaxhaphaze amahlwempu? Lumkani ke, kuba ndithethile mna Ndikhoyo onamandla onke.”