Isaiah 3:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abantu baya kubandezelana, kwa abanye ngabanye ummelwane wabo; umfana uya kwenza nger̔atshi ngakomdala, nodelekileyo ngakulowo ubekwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ziya kucinezelana iintlanga, elowo engowakowabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abantu baya kuxhaphazana, ibe nguwashiywa nowashiywa, nakubamelwane kube kwanjalo, nabantwana bangabahloneli abadala, nabaphantsi bangazikhathaleli izihandiba.