Isaiah 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uya kupakamisa ilizwi, kwa ngalomini, esiti: Andiyi kuba ngumpilisi; ngokuba endlwini yam kungeko isonka, kungeko nangubo; musa ukundimisela umpati wabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wophimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wofunga ngaloo mini, athi, Andiyi kuba ngugqirha; ngokuba endlwini yam akukho sonka nangubo; musa ukundenza umlawuli wesizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke lowo uya kuphendula athi: “Hayi, ndiyekeni, andinako mpela mna. Ndiyimpula kalujaca; andinakutya nazambatho; ngoko ke andinako ukunikhokela.”