Isaiah 3:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba i‐Yerusaleme iku̔bekile, no‐Juda bawile; ngokokuba ulwimi lwabo nezenzo zabo zingakuye uyehova, ukucapukisa amehlo obungcwalisa bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba iYerusalem iphangiwe noYuda uwile, ngenxa yokuba iilwimi zabo nezenzo zabo zinxamnye noYehova ukuze bawacaphukise amehlo ozuko lwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku iJerusalem iyafadalala nelakwaJuda livuthulukile. Kaloku ukuthetha nokwenza kwabo kusoloko kuchasene noNdikhoyo. UThixo bamdelile; abamazele nto mpela.