Isaiah 30:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWOBA nzima elusatsheni olunenkani, utsho uyehova, olwenzayo icebo, kodwa akuveli kum, olutulula iminikelo yokusela, kodwa akuveli kumoya wam; ukuze lwongeze isono pezu kwesono:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yeha ke aba baqhayisi, utsho uYehova; kwaye uyigqume ngesigqubuthelo, kungengamphefumlo wam, ukuze bongeze isono phezu kwesono;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo uthethe wenjenje: “Libhek' umoya kusapho olunenkani, abo benza izigqibo ngaphandle kwam, abenza izivumelwano ngaphandle kwam; izono zabo ziyelekelana.