Isaiah 30:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko utsho oyingcwele ka‐Sirayeli ukuti: Ngenxa yokuba nilahlile elilizwi, natembela ekubandezeleni nakokugwenxa, naza nayama pezu kwako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yeso sizathu, kwathiwa ngoyiNgcwele kaSirayeli: Ngenxa yokuba nilidelile eli lizwi, kwaye nakholosa ngengcinezelo nenkohlakalo, kwaye nihleli kuyo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uYedwa kaSirayeli uthi: “Ngokuba ningaluvumanga olu daba, koko nisuke naqamela ngenkohliso nengcinezelo,