Isaiah 30:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova, oyingcwele ka‐Sirayeli, ukuti: Ngokuguquka nangokupumla niya kusindiswa; ngokwonwaba nangetemba kwobako amandla enu; kodwa beningavumi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ekuphumleni nasekuphumleni uya kugcinwa; ngokuzolileyo nangethemba liya kuba ngamandla akho, kwaye awuzange ufune.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi: “Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum; amandla enu kukuzola nokuthembela kum. Phi ke, nisala nje!