Isaiah 30:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko benisitsho ukuti: Hai! sesiya kubaleka pezu kwamahashe; ngako oko niya kubaleka; nokuti: Sokwela pezu kwanamendu; ngako oko abo banisukelayo boba namendu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke nathi, Hayi, siya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke yena, Hayi; ngokuba siya kubaleka ngamahashe; ke ngoko, niya kubaleka, nithi: Siya kukhwela kwiimbaleki; ngoko ke, abo banisukelayo baya kungxama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaweni yaloo nto nithi: ‘Sosuka sisabe ngamahashe.’ Ewe, kungaba njalo. Nithi: ‘Amahashe ethu angaphala gqitha.’ Ewe, amahashe enu angaphala nakangako kodwa nofunyanwa ngabanisukelayo.